116 BONAXHOSA-July 1999
U
 kuthenga kuyinto emnandi gqitha! Ukusebenzisa imali yakho ngobulumko kuyakwanelisa yaye kuyonwabisa. Into ebalulekileyo ukuze ukonwabele ukuthenga kukuceba kakuhle.
Thenga izinto oza kukonwabela ukusebenzisa. Sele uyicebile indlela oza kuyisebenzisa ngayo ima1i yakho. Uyazi ukuba uza kusebenzisa malini nokuthi uza kuthenga ntoni. Ngoku zama izinto eziza kuvumela ipokotho yakho nozithandayo. Ukuba uthenga nje nantoni na ephambi kwakho oko kuya kuthetha ukuba kuya kubakho ezinye izinto ongenakuzithenga ube uzithanda.
Ungaphili ubomi obungaphezu1u kwemali onayo. Thenga izinto onako ukuzit.henga. Ungazami ukukhuphisana nabantu osebenza nabo. Basenokuba abafani nawe ngokwasezimalini. Kusenokuba nguwe kuphela osebenzayo ekhaya abe umntu osebenza naye esebenza kunye neqabane lakhe. Imivuzo yabo xa idityanisiwe ayifani nowakho omnye kuphela. Yithande yaye uyonwabele loo nto unayo.
Ukusebenzis imali yeyona nto ibalulekileyo kwindlela ocebe ukuyisebenzisa ngayo. Kuxa sele uthenga apho ubona uncedo lokuyicwangcisa kakuhle indlela yokusebenzis imali. Kumnandi ukubona izinto ozithenge ngemali yakho ngenyanga kodwa ibe ingaphelanga xa kusekho izinto ofuna ukuzithenga.
Wakukhetha ukucwangcisa indlela yokusebenzisa imali ebomini bakho waza walungisa neempazamo osenokuba uzenzile, unokonwabela ukubona indlela izinto ezihambela kakuhle ngayo kwizicwangciso zezinto oza kuzithenga.
Nazi ezinye izinto ezinokukunceda uthenge ngempumelelo:
 yazi izinto ezithandwa lusapho lwakho ngaphambi kokuba uzithenge
 zazi izinto oza kuyithenga, ngokomzekelo xa ufuna ukuthenga iayini, zama ukufumana ukuba yiyiphi eyona
ibhetele kunegalelwa amanzi okanye ezinye iindidi. Wazi amaxabiso azo. Yenza isigqibo sokuba ufanele na uh1awu1e imali ethe kratya ngenxa yento ethile ekuyo.
thelekisa amaxabiso. Ungangxameli ukuthenga kanti loo nto ubusenokuyifumana ngexabiso elibhetele kweny indawo.
jonga ezinye iinkonzo negaranti oyifumana kwiivenkile ezohlukeneyo. Usenokufumana okubhetele, uze ungayikhaleli imali ethe kratya.
 qiniseka ukuba into oyithengayo inokulungiswa okanye itshintshwe lula, nokuthi izinto zokuyilungisa xa yonakele ziyafumaneka.
yenza uluhlu lwezinto oza kuzithenga. Oko kuya kukwenza ungazilibali uze ungagqibeli sele uthenge izinto obungakhange ucebe ukuba uza kuzithenga.
 ceba kwangaphambili ukuba uza kuthenga ngamalini ngetyala. Ukwenza amatya1a angaphaya kwengqondo kunokukufaka engxakini. Kubhetele ukuceba indlela oza kusebenzisa ngayo imali kunokuba uzame ukuhlawula amatyala.
Ungaze:
 uthenge izinto ongazuzisebenzisa/ongazuzitya!
ongazuzinxiba. Thenga izinto ozifunayo nezifunekayo ekhaya.
uhambe nosapho lwakho xa uyothenga. Ungazifumana sele uchitha imali kunokuba ubucebile. Umyeni wakho usenokufuna uthenge uhlobo olutsha lwetshizi arhalela ukuyingcamla, umntwana usenokufuna umthengele ezinye izinto zokudlala aze akhale angayeki de ube uzithengile. Oko kunokukwenza ugqibele usebenzisa irnali engaphaya kobuyicebile.
 uthenge izinto ezintle kunezo ubunokuzithenga. Yithenge imveliso entsha xa uqonda ukuba unazo izinto oqhele ukuzithenga onokubuyela kuzo xa ubhidwe yimveliso entsha.
PREMILLA DEONATH

 ungathengi ukutya okunesondlo ungakhange ujonge udidi, okungaphakathi nexabiso lako. Unokuthenga ukutya kuba kusithiwa kokwendalo kanti liyelenqe nje loku.zama ukutsal umdla kuba kuthandwa ngabantu ukutya kwendalo.
 utyikitye isivumelwano sokuthenga ungekayazi yonke imiqathango yaye ungekaneliseki yinto oyithengayo.
 utyikitye isivumelwano sokuthenga iimpahla ungazi ukuba ithini igaranti newaranti yazo.
Landela ezi ngcebiso zingasentla ukuze ube ngumthengi ofanelekileyo. Xa uthenga ngemali, udidi, uh1obo, umsebenzi nezinto ozithandayo zifuna uziqwalasele. Thenga ukutya okunesond1o nokunencasa. Thenga iimpah1a ezikulingana kakuhle ekumnandi ukuzinxiba nezexabiso.
Xa uthenga izinto zodidi zibuze le mibuzo:
11 ngaba le nto ndinokuyisebenzisa kwinto enye?
1 ngaba iza kundiqhuba lonke ixesha endiyifuna ngalo?
1 ngaba ifanelekile ngokwemali oyichithe kuyo?
1 yintoni enye endinokuyithenga endaweni yayo?
Ukuba impendu1o yakho ngu-ewe kwimibuzo yokuqala emithathu uyabona ukuba akukho nto yimbi, esenokuba uthenge okufanelekileyo ngemali yakho.
Khumbula ukujonga-jonga kwizibhengezo zamaphepha-ndaba uthelekise amaxabiso ujonge nezinye izisulu zamaxabiso athotyiweyo.
Iso
LABATHENGI
indleIa Yokonwabela
ukuthenga
WORD PUZZLE NO: 24
UNGAWINA
-R30 000!
KODWA XA LINGEKHO INGENELO
ELICHANE NGOKUTHE GQATHU, INGENELO
ELINEEMPOSISO EZIMBALWA LIYA KUWINA

1-R3 000!
KUQALA. FUNDA APHA

 NGOKUNGENELA iBona WORD PUZZLE YETHU
UYA KUBA UNCEDA ABANIU ABANINZI. Kunjalo
konye, irnali oyithumeloyo iya ebhankini, ize ke setyenziswe ekuncedeni abantu bakowethu kviilizwe liphela. lsetyenziswa ekwakheni iipaki zokudlalela, ekuthumeleni abantwana esjkolweni. ekwakheni amagumbi okufundela, nakwezinye izinto ezininzi ngokunjalo. Ngoko oko ke, khumbula. uya kuba unceda abanye abantu.
UYA KUBA UYAZINCEDA NAWE. Kulungile ke, le puzzle iya kukunceda ekufundeni isiNgesi. Ukuba unegama ongolaziyo. buza kumhlobo wakho ukuba lJthetha ntoni na, okanye ke ulikhangele kwisichazi-magoma. Uya kumangaliswa yindlela isiNgesi sakho esiya kuya siphucuka ngokuphucuka ngayo. Kanti ngaphezulu. unokuwina isityhwentywe seMALi!
OMAWUKWENZE
Kuqala, jonga kwikhasi elilandelayo.
Ubona ingenelo neepuzzle ezintathu, ziyafana zonke? Kulungile ke, inye kuzo IINGENELO, kwaye ukuba ujonga ngaphaya kwikhasi, uya kufumana amanye amangenelo amane. Ngoku ke, uyayibona na indlela ipuzzle eyenziwe ngayo yazizivakalisi ezingama-20, namagama amabini okanye amathathu kwizibiyeli kwindawo ethile nje kwisivakalisi ngasinye? Ngoku ke, kuphela omawukwenze kukuba ugqibe ngelona gama lilunge kweso sivakalisi kwiseti nganye yezibiyeli kwisivakalisi ngasinye uze ulibhale ke kwizithubo, ezingakwisivakalisi ngasinye, ubhala unobumba abe mnye kwibhloko nganye. Kanli ke usenokuziva ufuna ukukhetha elinye igama kwizivakalisi xa uzalisa elinye ingenelo. Kanti ke, usengawenza angafani onke amangenelo akho. Phofu ukuba wenza ngale ndlela unethuba elibhekeIe phaya lokuwlna ibhaso elikhulu.. Nanku umzekelo wokuzalisa isivakalisi ngasinye:
NGENELA NGOKU!
UYAYIBONA KE INDLELA
EKULULA NGAYO!
KULUNGILE KE!
ingenelo ngalinye olizalisayo lixabisa i-R1. Lilonke ke xa uzalise lalinye kufuneka uthumele iDonation Coupon ye-R1. ukuze uthi ukuba uzalise amabini, ibe yiDonation Coupon ye-R2. Ukuba ke uwazalise oslxhenxe la mangenelo. kuya kufuneka uthumele iDonation Coupon ye-R7. Ezi Donation Coupon zifumaneka eposini.
UKUTHUMELA
AMANGENELO AKHO
Makhe sithi nje uzalise amangenelo amahlanu, Loo nto ke ithetha ukuba kuya kufuneka uthenge iDoncition Coupon ye-R5 (ukhumbule, ingenelo ngalinye liyi-R1). Ngoku ke, bhala igama lakho ne-dilesi kwifomu yokungenela esekugqibeleni ecaleni kwepuzzle ezintathu kwikhasi.
NGOKU - OKU KUBALULEKE KAKHULU.
KRAZUI..A IPHEPHA LEMAGAZINI LONKE NGOCOSELELO MUSA UKUSIKA UKHUPHE
NALIPHI NA KUMANGENELO.
Ngoku ke. bhala ukuba iposoda yakho maylhlawulwe kwiBQNA uze ke ufake iphepha elo liphuma kwiBona kunye neDonatlon Coupon yakho kwimvulophu enye uze uyithumele apha: Bona Word Puzzle, Box 32046. Mobeni, 4060. Ungawaposi nge-rejista amangenelo akho, kunoko, se-benzisa loo mali yerejlsta ngokuzalisa amanye amangenelo. uze uqinisekise ukuba omangenelo akho uwaposa kakuhle phambi komhla wokuvalwa kolu khuphiswano ongulo:
JULAYI 30, 1999
IMITHETHO
1. Ungawathumela amangenelo abe maninzi kangangoko uthanda. Bhalani ngeballpoint kuphela. likopi ezifotiweyo kunye nezinye iikopi ezifanelekileyo ziya kwamkelwa. Amangenelo kufuneka akhatshwe yiDonation Coupon okanye iPostal Order yemali epheleleyo kungenjalo akasayi kwamkeleka.. 2. Amangenelo akasayi kwamkeleka ukuba ngaba omnye unobumba ubhalwe phezu komnye okanye xa nawaphi na amagama engafundeki.
3. Akakho oya kugqitha ngaphaya kwezigqibo zabagwebi.
4. Nabani na angalungenela, ngaphandle kwaba-sebenzi base-Caxton Maga.zines kunye neentsapho zabo ezikufutshane.
5. Naliphi na ingenelo elifika kuthi emva komhla wokuvala alisayi kusiwa so. Asisayi kuba natyala ngeefomu zokungenela ezilahlekayo okanye ezifika emva komhla wokuvala.
6. Ukuba akakho owine mpela, ibhaso lentuthuzelo elingama-R6 000 liya kunikwa umntu othumele ingenelo eliphantse lachana. Ukuba kukho abantu abangaphezu komnye kwibhaso elikhulu okanye kwelentuthuzelo imali iya kwabiwa ngokuiinganayo.
7. lgama okanye amagama abaphumelele kwiWord Puzzle No 24 aya kukhutshwa kushicilelo luka-Oktobha 1999 weBona.
8. Amabhaso akukhutshelwa kuphela abakwi-ndawo ezisebenzisa iiRandi eziyimali yoMzantsi-Afrika. 9. Abantu abaphumelele kwiWord Puzzle kufuneka bavume ukufotwa.
10. Amabhaso arigalandwanga ngabanini bawo de kwaphela iinyanga ezi-6 abasayi kuwafumana.

Khumbula, kuya kubakho iWord Puzzle eNTSHA kwiBona yenyanga elandelayo, ekunika ELINYE ithuba lokuwina ibhaso elikhulu esandleni!
118
BONA XHOSA - July 1999
